Eastern Cape's trusted online news source
BREAKING NEWS
IEC warns of misinformation ahead of 2026 Local Government Elections N2 bridge repairs bring relief to commuters in OR Tambo Eastern Cape premier urges unity ahead of elections
Advertise HereReach 1000s of readers
BREAKING NEWS | Eastern Cape ramps up preparations for 2026 LGE
Skip to content
BREAKING NEWS
News

Amalungu alishumi akwa SASSA ajongeni nezityholo zobuqhophololo.

By Reporter19 March, 20250 comments

Abantu abalishumi bajongene nezityholo ezingaphezu kwe-1,300 kwityala lobuqhophololo lakwaSASSA elibandakanya imali engaphaya kwama-R260 ezigidi zeerandi.

Ityala lobuqhophololo kwi-Arhente yoKhuseleko lwezeNtlalo yaseMzantsi Afrika (i-SASSA) liye landa kakhulu, kwaye abantu abalishumi ngoku bajongene nezityholo ezingaphaya kwe-1,300 ezinxulumene nobuqhophololo, ubusela kunye nolwaphulo-mthetho kwi-intanethi. Abatyholwa baquka abasebenzi abahlanu bakwaSASSA uPhumzile Dlamini, uPaul Bones, uPhumelele Myeza, uKeamogetswe Ledwaba, kunye noPhiwe Mkhuzangwe nabanye oogxa bakhe.

Batyholwa ngokuqulunqa inkqubo phakathi kweyeThupha ka-2024 ukuya kweyoKwindla ka-2025, beyila ii-akhawunti zobuxoki zakwa-SASSA ukuze kutsalwe imali ngokungekho mthethweni kwiivenkile ezinkulu ezahlukeneyo eGauteng, ezixabisa ngaphezulu kwe-R260 yezigidi zeerandi.

Ukuchotshelwa kwebheyile yomtyholwa kuhlehliselwe umhla woku-1 kuTshazimpuzi ka-2025, nalapho urhulumente ubonakalisa iinjongo zokuchasa ibheyile. I-SASSA ikubethelele kwakhona ukuzinikela kwayo ekulweni urhwaphilizo kwaye isebenzisane ngokusondeleyo neNkonzo yesiPolisa yaseMzantsi Afrika (i-SAPS) kuphando oluqhubayo.

Author

More like this