Eastern Cape's trusted online news source
BREAKING NEWS
IEC warns of misinformation ahead of 2026 Local Government Elections N2 bridge repairs bring relief to commuters in OR Tambo Eastern Cape premier urges unity ahead of elections
Advertise HereReach 1000s of readers
BREAKING NEWS | Eastern Cape ramps up preparations for 2026 LGE
Skip to content
BREAKING NEWS
Education

I-MBHASHE LG MALL IKHATHALELA INKONDE NENKONDEKAZI

By News Reporter3 October, 20260 comments

Ngabantu abadala abangaphaya kwe700 Inani abathe banikwa iti,ikofu kunye namaqebengwana eMbashe LG Mall edutywa njengoko abaxhamli besibonelelo semnkamnkam bebehlanganise edolopini ngomhla omkulu wesibonelelo.

Kwangonyezi izolo umhla we2 Octobha 2026 Abantu abadala abasuka kwilali ezingqonge Idutywa, bafike ngapakathi eMall sebelindwe liqela labasebenzi balemall banikwa amaqebengwana banikwa izichopho balumela ngelixa befolele imali yesibonelelo.

UNoSayinethi nongomnye oxhamle kulenyweba uyichaze uyichaze njengento ebebengakange bayilindele le into engenzelwa bona.

“Yemntandini ndini ndithi lento indikumbuza sisathatha inkamnkam evenkile ngexesha lamabhulu” utshilo uNoSayinethi.

Unabise ngelithi noko imvuyisile ukubona ukuba abo “badla izambana likapondo” basakwazi ukukhathalela abantu abafana nabo.

Kwiintsapho ezininzi kulo mmandla, izibonelelo zentlalo zenza umthombo obalulekileyo wengeniso, okwenza iintsuku zokuhlawula izibonelelo zibe lixesha elibalulekileyo kubemi kunye namashishini asekuhlaleni.

Ngokwesithuba esabiweyo malunga nale nkqubo, iziselo eziphumuzayo zinikwe abantu abadala njengesenzo sokubulela nenkxaso.

Abaququzeleli bachaze le nkqubo njengento engaphezulu nje kokubonelela ngokutya, besithi yayijoliswe ekuboniseni uxabiso, isidima kunye nenkathalo kumalungu amadala oluntu.

Ayikacaci ukuba lenqubo izakuqhuba okanye ibiyosuku olunye. Kodwa Ecnewslive ikwelicala Liza umoya iyakwazisa xa abasemagunyeni becacisile.

Author

More like this