Eastern Cape's trusted online news source
BREAKING NEWS
IEC warns of misinformation ahead of 2026 Local Government Elections N2 bridge repairs bring relief to commuters in OR Tambo Eastern Cape premier urges unity ahead of elections
Advertise HereReach 1000s of readers
BREAKING NEWS | Eastern Cape ramps up preparations for 2026 LGE
Eastern Cape's trusted online news sourceECNewsLive Media (Pty) Ltd — Beyond News
⚡ BREAKING NEWS

Kukrokrelwa inyama yebhokhwe ekubhubheni kuka-Avuyile Maswana (11)

By Cetywayo · 28 September, 2026
11-year-old dies after suspected food poisoning in Ngqushwa
U-Avuyile Maswana, oneminyaka eli-11 ubudala, obefunda kwiBanga lesi-6 eMpheko Primary School, ubhubhe emva kokugula. Kukrokrelwa ukuba esi sehlo sinokunxulumana nenyama yebhokhwe etyiwe ngabantu abaliqela eMphekweni.

MPHEKWENI, NGQUSHWA — Kukrokrelwa inyama yebhokhwe ekubhubheni kuka-Avuyile Maswana, oneminyaka eli-11 ubudala, waseMphekweni eNgqushwa.

Ngokokutsho kuka Petros Majola weKhula Community Development, u-Avuyile ebefunda kwiBanga lesi-6 eMpheko Primary School kwaye utye inyama yebhokhwe ngomhla wama-23 kweyoMsintsi 2026, kunye nabanye abantu basekuhlaleni.

UMajola uthi emva kokutya loo nyama, u-Avuyile wagula kakhulu waza kamva wabhubha.

Uthi udade wabo oneminyaka eli-13 ubudala naye uyityile loo nyama kwaye ukwimeko embi esibhedlele.

Ngokutsho kukaMajola, abanye abantu basekuhlaleni nabo baye basiwa esibhedlele emva kokugula. Abanye bafumene unyango baza bakhululwa.

Nangona kukho ukukrokrela ukuba inyama yebhokhwe inokuba inento yokwenza nesi sehlo, unobangela wokubhubha kuka-Avuyile awukaqinisekiswa.

UMajola ugxininisa ukuba abantu akufuneki bakhawuleze babeke ityala kwikhaya ebelinebhokhwe, kodwa kufuneka kulindwe iziphumo zoqhaqho sidumbu kunye nophando ukuze kufunyanwe unobangela ochanekileyo.

Esi sehlo sishiye uluntu lwaseMphekweni lunenkxalabo, ingakumbi ngenxa yokuba nabanye abantu ekuthiwa batya loo nyama baye bagula baza bafuna unyango.

Inkxaso kusapho

Abo banqwenela ukuxhasa usapho luka-Avuyile bangasebenzisa ezi nkcukacha zilandelayo:

Capitec Bank

Account No.: 1361918223

Ms. Vuyokazi Maswana

Linked No.: 0639332477

ECNewsLive idlulisa amazwi ovelwano kusapho, izihlobo nakuluntu lwaseMphekweni ngokubhubha kuka-Avuyile Maswana.