Eastern Cape's trusted online news source
BREAKING NEWS
IEC warns of misinformation ahead of 2026 Local Government Elections N2 bridge repairs bring relief to commuters in OR Tambo Eastern Cape premier urges unity ahead of elections
Advertise HereReach 1000s of readers
BREAKING NEWS | Eastern Cape ramps up preparations for 2026 LGE
Skip to content
BREAKING NEWS
News

SANRAL iza kulungisa indlela yaseNgqushwa emva kwezikhalazo zoluntu

By Cetywayo20 August, 20260 comments
USANRAL kunye noMasipala waseNgqushwa kwintlanganiso malunga nokulungiswa kwendlela ephakathi kwaLewis neMphekweni.
USANRAL icwangcisa ulungiso olungxamisekileyo lwendlela ephakathi kwaLewis neMphekweni eNgqushwa, emva kwezikhalazo malunga nemeko yale ndlela.

NGQUSHWA – I-Arhente yeSizwe yeeNdlela uSANRAL kulindeleke ukuba iqale umsebenzi wokulungisa indlela ephakathi kwaLewis neMphekweni, eNgqushwa, emva kwezikhalazo malunga nemeko yayo.


Oku kuvele kwintlanganiso ebibanjwe phakathi kukaSANRAL, uMasipala waseNgqushwa, amaKomkhulu, abaphathi bakamasipala kunye nabameli bamashishini ezothutho.


Ngokweenkcukacha ezivele kule ntlanganiso, le ndlela ifuna ulungiso olungxamisekileyo ukuze iphinde ibe kwimeko efanelekileyo kwaye ikhuseleke kubasebenzisi.


Umsebenzi wokuqala kulindeleke ukuba uthathe malunga neeveki ezintathu. Kuza kuqeshwa abantu abangama-20 okwethutyana, abaza kukhethwa kwiindawo ezichaphazelekayo.


USANRAL kuthiwa uza kuchitha malunga ne-R1.7 million kolu lungiso, oluza kwenziwa yikontraka uQTC.


Nangona kunjalo, olu lungiso luchazwe njengenyathelo lexeshana, logama kusalungiselelwa iprojekthi enkulu yokuphucula le ndlela.


Izicwangciso zexesha elide ziquka ukulungiswa kwee-designs kunye nokubandakanyeka kwee-Consulting Engineers. Emva koko kulindeleke ukuba kuqeshwe iMain Contractor oza kuqhuba umsebenzi omkhulu wokuphucula indlela.
Le projekthi ijolise ekuphuculeni indlela esuka kwaLewis ukuya kwi-N2, iqhubeke iye eFish River ku-R72.


USodolophu waseNgqushwa, uSanga Maneli, kuthiwa uyamkele inkqubela eyenziweyo kule ntlanganiso. Ucele ukuba uluntu lugcinwe lunolwazi malunga nomsebenzi wolungiso kunye nezicwangciso zexesha elide.


Uthe intsebenziswano phakathi kukaSANRAL, umasipala kunye nabanye abachaphazelekayo ibalulekile ukuze le ndlela iphuculwe kwaye igcinwe ikwimeko efanelekileyo.

Author

More like this