
NGQUSHWA – I-Arhente yeSizwe yeeNdlela uSANRAL kulindeleke ukuba iqale umsebenzi wokulungisa indlela ephakathi kwaLewis neMphekweni, eNgqushwa, emva kwezikhalazo malunga nemeko yayo.
Oku kuvele kwintlanganiso ebibanjwe phakathi kukaSANRAL, uMasipala waseNgqushwa, amaKomkhulu, abaphathi bakamasipala kunye nabameli bamashishini ezothutho.
Ngokweenkcukacha ezivele kule ntlanganiso, le ndlela ifuna ulungiso olungxamisekileyo ukuze iphinde ibe kwimeko efanelekileyo kwaye ikhuseleke kubasebenzisi.
Umsebenzi wokuqala kulindeleke ukuba uthathe malunga neeveki ezintathu. Kuza kuqeshwa abantu abangama-20 okwethutyana, abaza kukhethwa kwiindawo ezichaphazelekayo.
USANRAL kuthiwa uza kuchitha malunga ne-R1.7 million kolu lungiso, oluza kwenziwa yikontraka uQTC.
Nangona kunjalo, olu lungiso luchazwe njengenyathelo lexeshana, logama kusalungiselelwa iprojekthi enkulu yokuphucula le ndlela.
Izicwangciso zexesha elide ziquka ukulungiswa kwee-designs kunye nokubandakanyeka kwee-Consulting Engineers. Emva koko kulindeleke ukuba kuqeshwe iMain Contractor oza kuqhuba umsebenzi omkhulu wokuphucula indlela.
Le projekthi ijolise ekuphuculeni indlela esuka kwaLewis ukuya kwi-N2, iqhubeke iye eFish River ku-R72.
USodolophu waseNgqushwa, uSanga Maneli, kuthiwa uyamkele inkqubela eyenziweyo kule ntlanganiso. Ucele ukuba uluntu lugcinwe lunolwazi malunga nomsebenzi wolungiso kunye nezicwangciso zexesha elide.
Uthe intsebenziswano phakathi kukaSANRAL, umasipala kunye nabanye abachaphazelekayo ibalulekile ukuze le ndlela iphuculwe kwaye igcinwe ikwimeko efanelekileyo.
