Eastern Cape's trusted online news source
BREAKING NEWS
IEC warns of misinformation ahead of 2026 Local Government Elections N2 bridge repairs bring relief to commuters in OR Tambo Eastern Cape premier urges unity ahead of elections
Advertise HereReach 1000s of readers
BREAKING NEWS | Eastern Cape ramps up preparations for 2026 LGE
Skip to content
BREAKING NEWS
News

Umbutho woKhuselo weSizwe woMzantsi Afrika (iSandu) uvakalise inkxalabo malunga neengxelo zokwenzakala nokubhuba kwamalungu e-SANDF atyalwe eDemocratic Republic of Congo (DRC).

By Reporter25 January, 20250 comments

Ngokweengxelo, amalungu amathathu e-SANDF aphulukene nobomi bawo ngelixa i-14 lifumene umonzakalo kumadabi aqhubekayo e-DRC. Unobhala kuzwelonke waseSandu uPikkie Greeff uvakalise udano.

“Esi siganeko siphakamisa imibuzo enzima: Ingaba uMongameli uye wazisiwe ngokupheleleyo ngaba maxhoba? Ukunqongophala konxibelelwano sele kuxhaphakile, ubunkokheli be-SANDF bugcina uluntu kwaye ngamanye amaxesha abaphathiswa ebumnyameni ixesha elide kakhulu, utshilo uGreeff.

UGreeff uzigxekile izenzo zeenkokeli zeSANDF, esithi amajoni awahlonitshwa. Umemelela umongameli uCyril Ramaphosa ukuba athethe nesizwe malunga nemeko eqhubekayo e-DRC. “Amajoni ethu neentsapho zawo afanelwe yimbeko, ukunyaniseka, kunye nenkxaso kula maxesha anzima.

Urhulumente kufuneka abeke phambili unxibelelwano oluvulekileyo kunye nenyathelo eliqinisekileyo ukuhlonipha ukuzincama kwabo babeka ubomi babo esichengeni ngenxa yelizwe lethu. ”

Author

More like this