Eastern Cape's trusted online news source
BREAKING NEWS
IEC warns of misinformation ahead of 2026 Local Government Elections N2 bridge repairs bring relief to commuters in OR Tambo Eastern Cape premier urges unity ahead of elections
Advertise HereReach 1000s of readers
BREAKING NEWS | Eastern Cape ramps up preparations for 2026 LGE
Skip to content
BREAKING NEWS
News

Zintunyekwe ngomlilo iimoto ezine kuGatyana

By Cetywayo1 October, 20260 comments
Iimoto ezine ezitshatyalaliswe ngumlilo eWillowvale
Iimoto ezine ezitshatyalaliswe ngumlilo eWillowvale
Iimoto ezine, kuquka iiteksi ezimbini zeToyota Quantum kunye neOpel Corsa bakkie, zitshatyalaliswe ngumlilo eNtlulabhokhwe, eWillowvale.

Iimoto ezimbini zeToyota Quantum ziphakathi kwezi-4 ezitshatyalaliswe ngumlilo kwidolophu yakuGatyana.

Iimoto ezine zitshatyalaliswe ngumlilo kwindawo yaseNtlulabhokhwe, eNkxankxashe A/A, kuGatyana, ngobusuku bangoLwesibini.

Ngokutsho kwamapolisa, esi sehlo senzeke malunga nentsimbi yesithoba ebusuku, ngomhla wama-29 eyoMsintsi 2026.

Amapolisa athi umntu ebengaphakathi endlwini yakhe uve isandi esifana nesompu ngaphandle. Emva kwexesha elifutshane, uye waphuma waya kujonga waza wabona imoto yakhe kunye nezinye iimoto ezintathu ezazipakwe eyadini yakhe sele zitsha.

Phakathi kwezi zithuthi kukho iiteksi ezimbini zohlobo lweToyota Quantum kunye neOpel Corsa bakkie.

Akukabikho mntu ubanjiweyo ngokunxulumene nesi sehlo. Amapolisa avule ityala lokonakaliswa kwempahla ngabom, kwaye uphando lusaqhubeka.

Nabani na onolwazi olunokunceda amapolisa ekuchongeni okanye ekubambeni umrhanelwa okanye abarhanelwa uyacelwa ukuba aqhagamshelane nabaphandi baseWillowvale kule nombolo 082 441 8301, okanye kwiCrime Stop ku 08600 10111.

Amapolisa aqinisekisa ukuba ulwazi lwabanikeli bolwazi luya kugcinwa luyimfihlo.

ECNewsLive | Beyond News

Author

More like this