
E-MPUMA KOLONI — I-ANC ithi ijonga ithuba lokusa kwiNkundla yoNyulo ingxabano yayo neKhomishini yoNyulo, i-IEC, malunga noluhlu lwabagqatswa kunyulo loomasipala.
UMongameli we-ANC, uCyril Ramaphosa, uthi umbutho wakhe usacinga ngokufaka isicelo kwiNkundla yoNyulo ukuze kufunyanwe isisombululo kule ngxaki.
Le ngxaki ichaphazela iindawo ezithile eMpuma Koloni, kwakunye nezinye iindawo eKwaZulu-Natal naseFree State.
I-ANC ithi kubekho iingxaki zobuchwepheshe kwinkqubo ye-IEC, nto leyo ethe yachaphazela ukufakwa kwamagama nokubhaliswa kwabanye abagqatswa.
Nangona kunjalo, i-IEC iyaliphikisa eli bango. Ithi inkqubo yayo ibisebenza de kwavalwa ixesha lokungenisa amagama abagqatswa ngomhla wama-28 EyeThupha 2026.
Ngokwengxelo ye-IEC, amagama abagqatswa abangama-2 274 ayefakwe kwinkqubo kodwa engakhange agqitywe ukuthunyelwa ngaphambi kokuphela kwexesha elimiselweyo.
EMpuma Koloni, le ngxaki ichaphazele oomasipala abathile, nto leyo enokubangela ukuba i-ANC ingakwazi ukubeka abanye abagqatswa kunyulo oluzayo.
URamaphosa uthi i-ANC isafuna ukufumana isisombululo kule ngxaki. Uthi ukuba iingxoxo ne-IEC aziphumeleli, umbutho unokubhenela kwiNkundla yoNyulo.
Unyulo loomasipala lucwangciselwe umhla wesi-4 kuNovember 2026.
