Eastern Cape's trusted online news source
BREAKING NEWS
IEC warns of misinformation ahead of 2026 Local Government Elections N2 bridge repairs bring relief to commuters in OR Tambo Eastern Cape premier urges unity ahead of elections
Advertise HereReach 1000s of readers
BREAKING NEWS | Eastern Cape ramps up preparations for 2026 LGE
Skip to content
BREAKING NEWS
Health

Balishumi bebonke abantu abaquka abahambi ngeenyawo ababini ekubhengezwe ukuba baye babhubha kwiingozi ezintathu ezahlukeneyo eEC phezolo.

By Reporter11 January, 20250 comments

Ngokwengxelo ezona zimbi zenzeke kuhola wendlela uN2 ngasePhakade apho abantu abasibhozo bathe babhubha kwingozi yemoto ebibandakanya iveni kunye nelori. Iveni ibikhwele abantu abali-12. Ingxelo ihambisa ithi abantu abahlanu babhubhele kwindawo yesigameko ngelixa umntu yesithandathu esweleke ekufikeni kwakhe esibhedlele.

Abanye banyangwa esibhedlele. Ngelixa abonzakele ngokumasikizi batshintshelwa kwisibhedlele iNelson Mandela Academic eMthatha. Kusenjalo, abahambi ngeenyawo ababini baye bagilwa zizithuthi nabo phezolo, omnye kuN2 kufutshane neDans lodge ngaphandle kwaseMthatha, logam omnye obehamba ngeenyawo ebhubhele kwingozi yemoto kumbindi weMonti.

Amatyala okubulala ngokungenanjongo avuliwe kwityala ngalinye kula mathathu ukuze kuqhutyekwe nophando.

Author

More like this