Eastern Cape's trusted online news source
BREAKING NEWS
IEC warns of misinformation ahead of 2026 Local Government Elections N2 bridge repairs bring relief to commuters in OR Tambo Eastern Cape premier urges unity ahead of elections
Advertise HereReach 1000s of readers
BREAKING NEWS | Eastern Cape ramps up preparations for 2026 LGE
Skip to content
BREAKING NEWS
News

UMASIPALA WASEKUMKANI MHLONTLO UQINISEKISA UKUVULWA KWAKHONA KWEENDLELA EMVA KOTHETHWANO NABAQHANQALAZI

By News Reporter12 October, 20260 comments

UMasipala waseKumkani Mhlontlo uqinisekise ukuba uN2 ophakathi koQumbu noMthatha, kwakunye noR396 ophakathi koTsolo neMaclear, zivuliwe kwakhona emva koqhankqalazo loMbutho wabaqhubi beeTrucks waseKumkani Mhlontlo.

Olu qhankqalazo lubangele ukuphazamiseka kwezithuthi nokuvalwa kweendlela kwiindawo zakuTsolo, eMthatha nakuQumbu.

Ukuvulwa kwezi ndlela kulandela ukuthethana phakathi kwabamele abaqhankqalazi nobunkokheli bukaRhulumente wePhondo leMpuma Koloni, apho kuye kwaxoxwa ngezikhalazo eziphakanyiswe ngulo mbutho.

Phakathi kweenkokheli ezithathe inxaxheba kwezi ntetho bekukho iLungu lePalamente yePhondo, uMnu Sondaba; uSekela Sodolophu kaMasipala weSithili, uMnu Sabisa; uSodolophu kaMasipala waseKumkani Mhlontlo, uCllr Mbulelo Jara; uSomlomo weBhunga, uCllr Eddie Pula; kwakunye neWhip yeBhunga, uCllr N. Cana.

Kukwathathe inxaxheba namanye amalungu eBhunga likaMasipala, kwakunye neenkosi zamaMpondomise, uNkosi Tyhali, uNkosi Lutuka noNkosi Bikhwe.

IZIVUMELWANO EZIFIKELELWE KUZO

Ngokwengxelo kaMasipala waseKumkani Mhlontlo, uSodolophu uzibophelele ekubeni kuqhubeke iingxoxo zokujongana nezikhalazo eziphakanyiswe ngulo mbutho.

Phakathi kwezinto ekuvunyelwene ngazo kukho ezi zilandelayo:

1. Intlanganiso noMbutho wabaqhubi beeTrucks

UMasipala uza kubamba intlanganiso noMbutho wabaqhubi beeTrucks waseKumkani Mhlontlo ngoLwesibini, umhla we-13 kuOktobha 2026, ukuze kuqhutyekwe nokujongana nezikhalazo zombutho.

2. Intlanganiso neSebe lezaMandla

UMasipala uza kuququzelela intlanganiso neSebe lezaMandla zingekapheli iintsuku ezisixhenxe, ngenjongo yokuqwalasela imiba echaphazela lo mbutho.

3. Ukuqhubeka komsebenzi

Ngelixa iingxoxo zisaqhubeka, abaqhubi beeTrucks kulindeleke ukuba baqhubeke nomsebenzi wabo.

UMasipala waseKumkani Mhlontlo uvakalise umbulelo kubo bonke abathe bathatha inxaxheba ekuququzeleleni nasekuqhubeni kwezingxoxo.

Ukwabongoze uluntu kunye nabo bonke abasebenzisi beendlela ukuba baqhubeke nokusebenzisana nokugcina uxolo ngeli xesha kuqhutywa iingxoxo ezijolise ekufumaneni izisombululo ezizinzileyo.

Author

More like this